Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 78

UYesu Ushumayela NgoBukumkani

UYesu Ushumayela NgoBukumkani

Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, waqalisa ukushumayela esithi: ‘Ubukumkani bukaThixo busondele.’ Abafundi bamlandela njengoko wayejikeleza kulo lonke elaseGalili nakwaYuda. Xa wayebuyela kwidolophu yakowabo iNazarete, wangena kwindlu yesikhungu, wavula umsongo kaIsaya. Wawufunda ngokuvakalayo esithi: ‘UYehova undinike umoya oyingcwele ukuze ndishumayele iindaba ezilungileyo.’ Yayithetha ukuthini loo nto? Yayithetha ukuba eyona njongo yokuba uYesu afumane umoya oyingcwele, yayikukushumayela iindaba ezilungileyo, nangona abantu babefuna ukuba enze imimangaliso. Emva koko wathi kwabo babemamele: ‘Namhlanje, esi siprofeto sizalisekile.’

Emva koko, uYesu waya kuLwandle LwaseGalili, apho wadibana nabafundi bakhe abane ababengabalobi. Wabamema esithi: ‘Ndilandeleni, ndiza kunenza abalobi babantu.’ YayinguPetros, uAndreya, uYakobi noYohane. Ngoko nangoko, bawushiya umsebenzi wokuloba baza bamlandela. Balijikeleza lonke elaseGalili beshumayela ngoBukumkani bukaYehova. Bashumayela kwizindlu zesikhungu, kwiindawo zokuthenga nasezitratweni. Babelandelwa ngabantu abaninzi, naphi na apho baya khona. Kwakuthethwa ngoYesu kuyo yonke indawo ukuya kutsho eSiriya.

Ekuhambeni kwexesha, uYesu wanika abalandeli bakhe amandla okuphilisa nawokukhupha iidemon. Abanye bahamba naye njengoko wayeshumayela kwiidolophu nasezilalini. Amabhinqa anokholo afana noMariya Magadala, uYowana, uSusana nabanye babehleli noYesu kunye nabalandeli bakhe.

Emva kokuba eqeqeshe abafundi bakhe, uYesu wabathuma ukuba baye kushumayela. Njengoko babeshumayela kulo lonke elaseGalili, abaninzi baba ngabafundi baza babhaptizwa. Kangangendlela ababebaninzi ngayo, uYesu wabafanisa nentsimi elungele ukuvunwa. Wathi: ‘Thandazani kuYehova ukuze athumele abasebenzi abangakumbi baze kuvuna.’ Emva koko, wakhetha abafundi abayi-70 waza wabathuma ngababini ukuba baye kushumayela kulo lonke elakwaYuda. Bafundisa zonke iintlobo zabantu ngoBukumkani. Xa bebuya, babengxamele ukuxelela uYesu ngezinto ezenzekileyo. Kwakungekho nto wayenokuyenza uMtyholi ukuze ayekise umsebenzi wokushumayela.

UYesu waqinisekisa ukuba abafundi bakhe baza kuqhubeka nalo msebenzi ubalulekileyo nasemva kokuba ebuyele ezulwini. Wathi kubo: ‘Shumayelani iindaba ezilungileyo kuwo wonke umhlaba. Fundisani abantu ngeLizwi likaThixo.’

“Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.”—Luka 4:43