Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 79

UYesu Wenza Imimangaliso Emininzi

UYesu Wenza Imimangaliso Emininzi

UYesu weza emhlabeni ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ukuze abonise into eza kwenziwa nguYesu xa enguKumkani, uYehova wamnika umoya oyingcwele ukuze enze imimangaliso. Wayephilisa nasiphi na isigulo. Naphi na apho wayesiya khona, abantu abagulayo babesiya kuye ukuze abaphilise, ibe wayebaphilisa bonke. Iimfama zazibona, izithulu zisiva, abakhubazekileyo behamba, ibe wayekhupha needemon. Nokuba babambe nje into ayinxibileyo, babephila. Naphi na apho akhoyo, abantu babemlandela. Naxa uYesu efuna ukuba yedwa, wayengabagxothi.

Ngenye imini, abantu beza nendoda ekhubazekileyo kwindlu awayehlala kuyo uYesu. Kodwa loo ndlu yayigcwele ngabantu kangangokuba abazange bakwazi ukungena. Ngoko bagqobhoza uphahla lwayo baza bayehlisela kuYesu. UYesu wathi kuyo: ‘Phakama uhambe.’ Nyhani yaphakama yahamba, abantu bamangaliswa.

Xa uYesu wayefika kwenye ilali, amadoda alishumi aneqhenqa amela kude aza akhwaza athi: ‘Yesu, sincede!’ Ngaloo mihla, abantu abaneqhenqa babengavumelekanga ukuba basondele kwabanye abantu. UYesu wawaxelela ukuba aye etempileni kuba uMthetho kaYehova wawusithi abantu abaneqhenqa bamele baye khona emva kokuba benyangiwe. Ngoxa esendleleni eya khona, aphila. Xa enye yaloo madoda ibona ukuba iphilile, yaya kubulela uYesu yaza yadumisa uThixo. Kumadoda alishumi awaphiliswayo, yiyo qha eyambulelayo uYesu.

Ibhinqa elagula iminyaka eyi-12, lalinokwenza nantoni na enokuliphilisa. Laya kuYesu owayephakathi kwabantu abaninzi laza labamba impahla awayeyinxibile. Laphila ngoko nangoko. UYesu wabuza: “Ngubani ondibambileyo?” Eli bhinqa lalisoyika kakhulu, kodwa laya kuye lamxelela ukuba lilo elimbambileyo. UYesu walithuthuzela wathi: ‘Ntombazana, hamba ngoxolo.’

Igosa elinguYayiro lathi kuYesu: ‘Ndicela siye emzini wam! Intombazana yam encinci igula kakhulu.’ Kodwa loo ntombazana yafa ngaphambi kokuba uYesu afike emzini kaYayiro. Xa efika, wabona abantu abaninzi ababeze kulilisana nale ntsapho ifelweyo. UYesu wathi kubo: ‘Sanukulila; intombazana ilele.’ Emva koko, wabamba isandla sayo wathi: “Ntombazana, vuka!” Yavuka ngoko nangoko, waza uYesu waxelela abazali bayo ukuba bayinike ukutya. Khawucinge indlela abasenokuba babevuya ngayo abazali bayo!

‘UThixo wamthambisa ngomoya oyingcwele namandla, yaye walityhutyha ilizwe esenza okulungileyo kwaye ephilisa bonke abo bacinezelwe nguMtyholi; ngenxa yokuba uThixo wayenaye.’—IZenzo 10:38