Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 81

INtshumayelo Yasentabeni

INtshumayelo Yasentabeni

Emva kokuba ekhethe abapostile abayi-12, uYesu wehla entabeni waya apho babehlanganisene khona abantu. Babesuka eGalili, kwaYuda, eTire, eSidon, eSiriya naseYordan. Babezise abantu ababenezifo nababeneedemon. UYesu wabaphilisa bonke. Wahlala ngasentabeni waza washumayela. Wachaza into esimele siyenze ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo. Simele sikhumbule ukuba siyamdinga uYehova kwaye simele simthande. Kodwa asinakumthanda uThixo ukuba asibathandi abanye abantu. Simele sibe nobubele size sithande wonke umntu, nkqu neentshaba zethu.

UYesu wathi: ‘Asimele sithande abahlobo kuphela. Simele sithande neentshaba zethu size sibaxolele ngokusuka entliziyweni abantu. Ukuba kukho umntu omkhathazileyo, umele uxolise ngokukhawuleza. Baphathe abanye ngendlela ofuna bakuphathe ngayo.’

UYesu waphinda wanika abantu ababemphulaphule icebiso elihle ngezinto eziphathekayo. Wathi: ‘Ukuba ngumhlobo kaYehova kubaluleke ngaphezu kokuba nemali eninzi. Isela lingayiba imali yakho, kodwa akukho mntu unokuba ubuhlobo bakho noYehova. Yeka ukuba nexhala lokuba uza kutya, usele okanye unxibe ntoni. Jonga iintaka. UThixo uyaqiniseka ukuba ziyatya. Ixhala alizi kubongeza ubomi bakho. Khumbula ukuba uYehova uyayazi into oyidingayo.’

Abantu ababemphulaphule abazange bamva umntu othetha njengoYesu. Iinkokeli zabo zonqulo azizange zibafundise ngolu hlobo. Kwakutheni ukuze uYesu abe ngumfundisi obalasele ngolo hlobo? Ngenxa yokuba yonke into awayeyifundisa yayivela kuYehova.

“Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.”—Mateyu 11:29