Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 82

UYesu Ufundisa Abafundi Bakhe Indlela Yokuthandaza

UYesu Ufundisa Abafundi Bakhe Indlela Yokuthandaza

AbaFarisi babesenza izinto ukuze bathandwe ngabantu. Ukuba benza ububele, babesenzela ukuba babonwe. Babethandaza kwiindawo ezinabantu ukuze babonwe ngumntu wonke. AbaFarisi babenkqaya imithandazo emide baze bayiphindaphinde kwizindlu zesikhungu nasezitratweni, apho babeza kuviwa khona ngabantu. Ngoko abantu babebhidekile xa uYesu wayesithi: ‘Ningathandazi njengabaFarisi. Bacinga ukuba uThixo uza kubathanda ngenxa yamazwi abo amaninzi, kodwa akunjalo. Xa uthandaza thetha noYehova. Sukuphindaphinda into enye. UYehova ufuna umxelele indlela oziva ngayo.

‘Thandaza ngale ndlela: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”’ Waphinda wathi mabathandazele ukutya kosuku ngalunye, ukuxolelwa kwezono nezinye izinto abazifunayo.

UYesu wathi: ‘Ningaze niyeke ukuthandaza. Qhubekani nicela izinto ezintle kuBawo, uYehova. Mzali ngamnye umnika izinto ezintle umntwana wakhe. Ukuba unyana wakho ucela isonka, ngaba uza kumnika ilitye? Ukuba ucela intlanzi, ngaba uza kumnika inyoka?’

Emva koko uYesu wachaza into esiyifundayo: ‘Ukuba niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezintle, uBawo wenu, uYehova akayi kuninika na yena umoya oyingcwele? Into ekufuneka niyenze kukucela.’ Ngaba uyalisebenzisa icebiso likaYesu? Ziintoni ozithandazelayo?

“Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niya kuvulelwa.”—Mateyu 7:7