Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 85

UYesu Uphilisa NgeSabatha

UYesu Uphilisa NgeSabatha

AbaFarisi babemcaphukela uYesu kangangokuba babefuna into abanokumbambela yona. Bathi makangaphilisi ngeSabatha. Ngenye iSabatha, uYesu wabona indoda eyimfama esitratweni icela kubantu abadlulayo. Wathi kubafundi bakhe: ‘Jongani indlela amandla kaThixo aza kusebenza ngayo kule ndoda.’ UYesu wadibanisa amathe akhe nomhlaba wenza udongwe, waluqaba emehlweni ale ndoda. Emva koko wathi kuyo: ‘Hamba uye kuhlamba amehlo akho kwichibi laseSilowam.’ Le ndoda yaya ibe emva koko, okokuqala ebomini bayo, yabona.

Abantu babothukile. Bathi: ‘Ngulo mntu obedla ngokucela ebantwini lo, okanye ngumntu nje ofana naye?’ Le ndoda yaphendula: ‘Ndingulo wazalwa eyimfama!’ Abantu bayibuza bathi: ‘Kutheni ungeyomfama nje?’ Emva kokubaxelela into eyenzekileyo, bayisa kubaFarisi.

Le ndoda yathi kubaFarisi: ‘UYesu undiqabe udongwe emehlweni, wathi mandiye kulihlamba. Ndiyenzile loo nto ibe ngoku, ndiyabona.’ AbaFarisi bathi: ‘Ukuba uYesu uphilisa ngeSabatha, amandla akhe awasuki kuThixo.’ Abanye bathi: ‘Ukuba amandla akhe ebengasuki kuThixo, ebengazukwazi ukuphilisa.’

AbaFarisi babiza abazali bale ndoda, bathi: ‘Kutheni ngoku ebona unyana wenu?’ Babesoyika kuba abaFarisi babethe umntu oye wakholelwa kuYesu uza kuphoselwa ngaphandle kwendlu yesikhungu. Ngoko bathi: ‘Asazi. Buzani kuye.’ AbaFarisi babuza le ndoda imibuzo emininzi de yathi: ‘Ndinixelele yonke into endiyaziyo. Kutheni niqhubeka nindibuza nje?’ Bacaphuka baza bayiphosela ngaphandle.

UYesu waya kule ndoda, wayibuza: ‘Uyakholelwa kuMesiya?’ Le ndoda yathi: ‘Ngendikholwa kuye ukuba bendimazi ukuba ngubani.’ UYesu wathi: ‘Ndim uMesiya.’ Obunjani bona ububele! Akazange ayiphilise nje kuphela le ndoda kodwa wayinceda yanokholo.

“Niyaphazama, kuba ningazazi iZibhalo namandla kaThixo.”—Mateyu 22:29