ISIFUNDO 85
UYesu Uphilisa NgeSabatha
AbaFarisi babemcaphukela uYesu kangangokuba babefuna into abanokumbambela yona. Bathi makangaphilisi ngeSabatha. Ngenye iSabatha, uYesu wabona indoda eyimfama esitratweni icela kubantu abadlulayo. Wathi kubafundi bakhe: ‘Jongani indlela amandla kaThixo aza kusebenza ngayo kule ndoda.’ UYesu wadibanisa amathe akhe nomhlaba wenza udongwe, waluqaba emehlweni ale ndoda. Emva koko wathi kuyo: ‘Hamba uye kuhlamba amehlo akho kwichibi laseSilowam.’ Le ndoda yaya ibe emva koko, okokuqala ebomini bayo, yabona.
Abantu babothukile. Bathi: ‘Ngulo mntu obedla ngokucela ebantwini lo, okanye ngumntu nje ofana naye?’ Le ndoda yaphendula: ‘Ndingulo wazalwa eyimfama!’ Abantu bayibuza bathi: ‘Kutheni ungeyomfama nje?’ Emva kokubaxelela into eyenzekileyo, bayisa kubaFarisi.
Le ndoda yathi kubaFarisi: ‘UYesu undiqabe udongwe emehlweni, wathi mandiye kulihlamba. Ndiyenzile loo nto ibe ngoku, ndiyabona.’ AbaFarisi bathi: ‘Ukuba uYesu uphilisa ngeSabatha, amandla akhe awasuki kuThixo.’ Abanye bathi: ‘Ukuba amandla akhe ebengasuki kuThixo, ebengazukwazi ukuphilisa.’
AbaFarisi babiza abazali bale ndoda, bathi: ‘Kutheni ngoku ebona unyana
wenu?’ Babesoyika kuba abaFarisi babethe umntu oye wakholelwa kuYesu uza kuphoselwa ngaphandle kwendlu yesikhungu. Ngoko bathi: ‘Asazi. Buzani kuye.’ AbaFarisi babuza le ndoda imibuzo emininzi de yathi: ‘Ndinixelele yonke into endiyaziyo. Kutheni niqhubeka nindibuza nje?’ Bacaphuka baza bayiphosela ngaphandle.UYesu waya kule ndoda, wayibuza: ‘Uyakholelwa kuMesiya?’ Le ndoda yathi: ‘Ngendikholwa kuye ukuba bendimazi ukuba ngubani.’ UYesu wathi: ‘Ndim uMesiya.’ Obunjani bona ububele! Akazange ayiphilise nje kuphela le ndoda kodwa wayinceda yanokholo.
“Niyaphazama, kuba ningazazi iZibhalo namandla kaThixo.”—Mateyu 22:29