Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 87

Isidlo SikaYesu Sokugqibela

Isidlo SikaYesu Sokugqibela

AmaYuda ayedla ngokonwabela iPasika qho ngosuku lwe-14 kwinyanga kaNisan. Le nto yayiwakhumbuza ngomhla awakhululwa ngawo ebukhobokeni baseYiputa nguYehova waza wawasa kwiLizwe Lesithembiso. Ngonyaka ka-33, uYesu nabapostile bakhe bonwabela iPasika eYerusalem kwigumbi eliphezulu. Xa begqiba eso sidlo, uYesu wathi: ‘Omnye wenu uza kundijikela.’ Bothuka kakhulu baza bathi kuYesu: ‘Ubani?’ UYesu wathi: ‘Ngumntu endiza kumnika esi sonka.’ Emva koko wanika uYudas Skariyoti iqhekeza lesonka. UYudas waphuma ngokukhawuleza kuloo ndlu.

UYesu wathandaza, waqhekeza isonka, wasinika abapostile bakhe ababeshiyekile. Wathi: ‘Yityani esi sonka. Simela umzimba wam endiza kunikela ngawo ngenxa yenu.’ Kwakhona wathandazela iwayini, wayinika abapostile bakhe. Wathi: ‘Selani le wayini. Imela igazi lam, endiza kunikela ngalo ukuze kuxolelwe izono. Ndiyanithembisa, niza kuba ngookumkani kunye nam ezulwini. Yenzani oku unyaka nonyaka ukuze nindikhumbule.’ Abalandeli bakaYesu basadibana ngala ngokuhlwa unyaka nonyaka. Ibizwa ngokuba siSidlo Sangokuhlwa SeNkosi.

Emva kwesidlo, abapostile baphikisana ngokuba ngowuphi oyena mkhulu phakathi kwabo. UYesu wathi: ‘Oyena mkhulu phakathi kwenu ngulo uzibona engabalulekanga.

‘Ningabahlobo bam. Ndinixelela yonke into uBawo afuna niyazi. Kungekudala ndiza kuya kuBawo ezulwini. Niza kushiyeka apha ibe abantu baya kwazi ukuba ningabafundi bam ukuba niyathandana. Nifanele nithandane njengokuba nam bendinithanda.’

Ekugqibeleni, uYesu wathandaza, ecela ukuba uYehova akhusele bonke abalandeli bakhe. Wacela ukuba abancede besebenze kunye ngoxolo. Wacela nokuba kuthethelelwe igama likaYehova. Emva koko uYesu nabapostile bakhe baculela uYehova iingoma zokumbulela baza baphuma. Lalisondele ixesha lokuba uYesu abanjwe.

“Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.”—Luka 12:32