Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 89

UPetros Ukhanyela UYesu

UPetros Ukhanyela UYesu

Xa uYesu wayekunye nabapostile bakhe kwigumbi eliphezulu, wathi: ‘Nonke niza kundikhanyela ngobu busuku.’ UPetros wathi: ‘Andisoze mna! Noba abanye bangakushiya, andisoze mna ndikushiye.’ Kodwa uYesu wathi kuPetros: ‘Ngaphambi kokuba umqhagi ukhale, uza kundikhanyela kathathu.’

Xa amajoni asa uYesu kwindlu kaKayafa, abapostile abaninzi babaleka. Kodwa ababini kubo balandela abo bantu baninzi. Omnye wabo yayinguPetros. Waya eyadini kaKayafa, wafika wotha umlilo. Wabonwa sisicakakazi saza sathi: ‘Ndiyakwazi wena! Ubukunye noYesu!’

UPetros wathi: ‘Hayi, khange! Andiyazi le nto uyithethayo!’ Waya ngasegeyithini. Waphinda wabonwa sesinye isicakakazi saza sathi kwelo qela labantu: ‘Le ndoda ibikunye noYesu!’ UPetros wathi: ‘Andazi naloo Yesu mna!’ Indoda ethile yathi: ‘Ungomnye wabo! Indlela othetha ngayo ichaza ukuba ungowaseGalili, njengoYesu.’ Kodwa uPetros wafunga wathi: ‘Ndithi andimazi!’

Kanye ngelo xesha, umqhagi wakhala. UPetros wabona uYesu emjonga. Wakhumbula amazwi kaYesu waza waya phandle wafika walila kakhulu.

Kusenjalo, iSanhedrin yaxoxa ityala likaYesu kwindlu kaKayafa. Babesele begqibile ukuba baza kumbulala uYesu, babefuna nje isizathu. Kodwa babengade bafumane nto. Ekugqibeleni, uKayafa wabuza uYesu wathi: ‘UnguNyana kaThixo?’ UYesu wathi: ‘Ndinguye.’ UKayafa wathi: ‘Sisifumene isizathu. Lo mntu uthuke uThixo!’ Nenkundla yavuma yathi: ‘Makabulawe.’ Bamqhwaba ngeempama uYesu, bamthufela, bamvala amehlo baza bambetha besithi: ‘Ukuba ungumprofeti, sixelele ukuba ubethwe ngubani!’

Kwakusa, babamba uYesu bamsa kwiholo yeSanhedrin baza bathi: ‘UnguNyana kaThixo?’ Waphendula wathi: ‘Nitsho nani.’ Bathi unetyala lokuthuka uThixo. Bamsa kwindlu kaPontiyo Pilato, umlawuli wamaRoma. Yintoni eyenzekayo emva koko? Makhe sibone.

“Lifikile . . . ilixa, xa niya kuchithachithwa ngamnye aye endlwini yakhe yaye niya kundishiya ndedwa; ukanti andindedwa, ngenxa yokuba uBawo unam.”—Yohane 16:32