Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 90

UYesu Ufela EGolgotha

UYesu Ufela EGolgotha

Ababingeleli abaziintloko bamthatha uYesu bamsa kwindlu yomlawuli uPilato. Wababuza wathi: ‘Yenzeni le ndoda?’ Bathi: ‘Ithi ingukumkani!’ UPilato wathi kuYesu: “Unguye na ukumkani wamaYuda?” UYesu waphendula wathi: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.”

Emva koko uPilato wasa uYesu kumlawuli waseGalili uHerode, ukuze abone ukuba uza kumfumana enetyala na. UHerode akazange amfumane enetyala ibe wamphindisa kuPilato. UPilato wathi ebantwini: ‘Mna noHerode siyifumanise ingenatyala le ndoda. Ndiza kuyikhulula.’ Abantu bakhwaza besithi: ‘Mbulale! Mbulale!’ Amajoni amkatsa ngesabhokhwe uYesu, amtshicela, embetha nokumbetha. Amthwalisa isithsaba sameva aza ehlekisa ngaye athi: ‘Molo kumkani wamaYuda.’ Kwakhona uPilato wathi: ‘Ayinatyala le ndoda.’ Kodwa bona bathi: “Mbethelele!” UPilato wavuma ukuba abulawe.

Bamsa kwindawo ebizwa ngokuba yiGolgotha, apho bafika bambethelela emthini baza bawumisa nkqo. UYesu wathandaza wathi: ‘Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.’ Abantu badlala ngaye, besithi: ‘Ukuba unguNyana kaThixo, yehla kuloo mthi uzisindise!’

Omnye wabantu ababesenza izinto ezimbi owayesecaleni kwakhe wathi: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” UYesu wathi: “Uya kuba nam eParadesi.” Emva kwemini, kwaba mnyama iiyure ezintathu kulo lonke elo lizwe. Abanye abalandeli bakhe bema ngakwisibonda awayebethelelwe kuso, noMariya unina elapho. UYesu wacela uYohane ukuba amphathe njengomama wakhe uMariya, amhoye.

Ekugqibeleni, uYesu wathi: “Kufeziwe!” Wathoba intloko yakhe waphefumla okokugqibela. Kanye ngaloo mzuzu, kwafika inyikima enkulu. Etempileni, ikhuselo elahlula iNgcwele kweYona Ngcwele lakrazuka. Igosa lomkhosi lathi: ‘Ngokwenene nguNyana kaThixo lo.’

“Kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izithembiso zikaThixo, ziye zaba nguEwe ngaye.”—2 Korinte 1:20