Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 91

UYesu Uvusiwe

UYesu Uvusiwe

Akufa uYesu, indoda esisityebi egama linguYosefu yacela uPilato ukuba ayivumele iwuthathe umzimba kaYesu kwisibonda owawuxhonywe kuso. Yawuthatha, yawusongela ngelinen entle, yawufaka iziqholo yaza yawufaka kwingcwaba elitsha. Yalivala ngelitye elikhulu. Ababingeleli abakhulu bathi kuPilato: ‘Siyoyika, abafundi bakhe baza kuwuba umzimba wakhe baze bathi uvusiwe.’ UPilato wathi: ‘Litywineni ingcwaba nize niligade.’

Kwiintsuku ezintathu emva koko, abanye abafazi bavuka ekuseni baya engcwabeni, bafika ilitye lisusiwe. Kulo kwakukho ingelosi eyathi kubo: ‘Ningoyiki. UYesu uvusiwe. Hambani niye kuxelela abafundi bakhe ukuba baye kudibana naye eGalili.’

UMariya Magadala wakhawuleza waya kuPetros noYohane. Wathi kubo: ‘Kukho umntu othathe umzimba kaYesu!’ UPetros noYohane babaleka baya engcwabeni. Bakubona ukuba alinamntu, bajika bagoduka.

UMariya wabuyela engcwabeni. Wafika kulo kukho iingelosi ezimbini, wathi: ‘Andazi ukuba bayise phi iNkosi yam.’ Xa esandukutsho, wabona indoda awacinga ukuba ngumntu osebenza egadini, wathi kuyo: ‘Mhlekazi, khawundixelele, uyibeke phi?’ Kodwa yathi yakumbiza ngegama isithi, “Mariya!” waqonda ukuba nguYesu. Wathi: “Mfundisi!” watsho embamba. UYesu wathi: ‘Hamba uye kuxelela abazalwana bam ukuba undibonile.’ Ngoko nangoko, uMariya wabaleka waya kuxelela abafundi ukuba umbonile uYesu.

Ngaloo mini, abafundi ababini babesendleleni esuka eYerusalem besiya e-Emawusi. Badibana nenye indoda eyababuza ukuba bathetha ngantoni. Bathi: ‘Awuvanga? Kwiintsuku ezintathu ezidlulileyo ababingeleli abakhulu babulele uYesu. Ngoku kukho abafazi abathi uvukile!’ Le ndoda yababuza: ‘Niyakholelwa kubaprofeti? Kaloku bathi uKristu wayeza kufa aphinde avuke.’ Yaqhubeka ibacacisela iZibhalo. Xa befika e-Emawusi, abafundi bayicela ukuba ihambe nabo. Xa babeza kudla isidlo sangokuhlwa, wathandazela isonka, kulapho baqonda khona ukuba nguYesu. Emva koko babona sele engekho.

Aba bafundi babaleka baya endlwini eyayiseYerusalem ababedibene kuyo abapostile baza babaxelela izinto ezenzekileyo. Ngoxa babekuloo ndlu, kwafika uYesu. Ekuqaleni, abapostile babengakholelwa ukuba nguye. Wathi: ‘Jongani izandla zam; ndibambeni. Kubhaliwe kwathiwa uKristu wayeza kuvuka ekufeni.’

“Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.”—Yohane 14:6