Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 92

UYesu Ubonakala Kubalobi

UYesu Ubonakala Kubalobi

Emva kwexeshana uYesu ebonakele kubapostile bakhe, uPetros waya kuloba kuLwandle LwaseGalili. UTomas, uYakobi, uYohane nabanye abafundi bahamba naye. Baloba ubusuku bonke, kodwa abazange babambise nto.

Ngentsasa elandelayo babona indoda imi ngaselunxwemeni. Yathi kubo: ‘Zikho enizibambisileyo?’ Bathi: “Hayi!” Yathi le ndoda: “Phosani umnatha ngakwicala lasekunene lesikhephe.” Bawuphosa, emva koko wagcwala ziintlanzi de abakwazi nokuwutsala. Ngoko nangoko uYohane waqonda ukuba le ndoda nguYesu waza wathi: “YiNkosi!” Kwaoko uPetros waziphosa emanzini waza wadada esiya ngaselunxwemeni. Abanye abapostile balandela ngesikhephe.

Xa befika elunxwemeni, babona intlanzi nesonka emlilweni. UYesu wathi mabaze nezinye iintlanzi ukuze bongeze kwesi sidlo. Waza wathi: ‘Mabatye isidlo sakusasa.’

Bakugqiba ukutya, uYesu wabuza uPetros: ‘Ngaba undithanda ngaphezu kokuloba?’ UPetros wathi: ‘Ewe Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.’ UYesu wathi: ‘Yondla izimvu zam.’ UYesu waphinda wambuza: ‘Petros, uyandithanda?’ Wathi uPetros: ‘Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.’ UYesu wathi: “Yalusa amatakane am ezimvu.” UYesu wambuza okwesithathu. UPetros yamhlupha le nto. Wathi: ‘Nkosi, wazi yonke into. Uyazi nokuba ndiyakuthanda.’ UYesu wathi: “Yondla amatakane am ezimvu.” Waza wathi: “Qhubeka undilandela.”

“[UYesu] wathi kubo: ‘Ndilandeleni, ndonenza abalobi babantu.’ Zayishiya kwaoko iminatha yazo, zamlandela.”—Mateyu 4:19, 20