Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 93

UYesu Ubuyela Ezulwini

UYesu Ubuyela Ezulwini

UYesu wadibana nabalandeli bakhe eGalili. Wabanika lo myalelo ubaluleke kakhulu: ‘Hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke. Bafundiseni izinto endanixelela zona, nize nibabhaptize.’ Wabathembisa wathi: ‘Ndiya kuhlala ndinani.’

Kwiintsuku eziyi-40 uYesu evusiwe, wabonakala kubafundi bakhe abaninzi eGalili naseYerusalem. Wabafundisa izinto ezibalulekileyo waza wenza imimangaliso emininzi. Emva koko wadibana nabapostile bakhe okokugqibela kwiNtaba Yeminquma. Wathi kubo: ‘Ningemki eYerusalem. Hlalani nilinde oko kuthenjiswe nguTata.’

Abapostile bakhe babengakuqondi oko wayekuthetha. Bambuza: ‘Uza kuba nguKumkani wakwaSirayeli ngoku?’ UYesu wathi: ‘Alikafiki ixesha lokuba uYehova andenze uKumkani. Kungekudala niza kufumana amandla omoya oyingcwele, nize nibe ngamangqina am. Hambani niye kushumayela eYerusalem, kwaYuda, eSamariya nakwiindawo ezikude zomhlaba.’

Emva koko uYesu wanyukela esibhakabhakeni waza wasithela emafini. Abafundi bahlala bejonge phezulu wade waphelel’ emehlweni.

Abafundi bemka kwiNtaba Yeminquma baya eYerusalem. Babesoloko bedibana kwigumbi eliphezulu baze bathandaze. Babelinde uYesu ukuba abaxelele ezinye izinto abamele bazenze.

“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14