Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 95

Akukho Nto Inokubayekisa

Akukho Nto Inokubayekisa

Indoda eyayingakwazi ukuhamba yayihlala esangweni letempile yonke imihla icela ukuphiwa. Ngenye imvakwemini yabona uPetros noYohane besiya etempileni. Yathi: ‘Ndiyacela, khanindiphe nokuba yintoni.’ UPetros wathi: ‘Ndiza kupha into ebhetele kunemali. Egameni likaYesu, phakama uhambe!’ Emva koko wayincedisa yaphakama, yaza yahamba! Abantu zange bakwazi ukuzibamba luvuyo bakubona lo mmangaliso, kangangokuba abaninzi kubo baba ngamakholwa.

Bona ababingeleli nabaSadusi baba nomsindo. Babamba abapostile babasa enkundleni baza bababuza: ‘Niwanikwe ngubani amandla okuphilisa le ndoda?’ UPetros wathi: ‘Siwafumene kuYesu Kristu enambulalayo.’ Iinkokeli zonqulo zabangxolisa zisithi: ‘Yekani ukuthetha ngalo Yesu!’ Abapostile bathi: ‘Simele sithethe ngaye. Asoze siyeke.’

Emva kokuba bekhululwe, uPetros noYohane bakhawuleza baya kwabanye abafundi baza babaxelela izinto ezenzekileyo kubo. Bonke bathandaza kuYehova bemcela besithi: ‘Sincede usiphe isibindi ukuze singawuyeki umsebenzi osinike wona.’ UYehova wabanika umoya wakhe oyingcwele baza baqhubeka beshumayela futhi bephilisa abantu. Abantu abaninzi baba ngamakholwa. AbaSadusi baba nomona kangangokuba bababamba abapostile baya kubavalela entolongweni. Ebusuku, uYehova wathumela ingelosi yaya kuvula iingcango zentolongo yaza yathi kubapostile: ‘Buyelani etempileni, nifundise abantu.’

Ngentsasa elandelayo, iSanhedrin, inkundla yeenkokeli zonqulo, yaxelelwa oku: ‘Iingcango zentolongo zisatshixiwe, kodwa amadoda ebeniwavalele amkile! Asetempileni, afundisa abantu!’ Abapostile baphinda babanjwa basiwa kwiSanhedrin. Umbingeleli omkhulu wathi: ‘Besiniyalele ukuba ningathethi ngalo Yesu!’ UPetros wathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”

Iinkokeli zonqulo zavutha ngumsindo kangangokuba zazifuna ukubabulala abapostile. Kwaphakama umFarisi ogama linguGamaliyeli waza wathi: ‘Lumkani! Kusenokwenzeka ukuba la madoda axhaswa nguThixo. Ngaba niyafuna ukulwa noThixo?’ Zammamela. Emva kokuba zibabethe ngeentonga, zaphinda zabayalela ukuba bayeke ukushumayela zaza zabayeka bahamba. Sekunjalo, abapostile abazange bayeke. Baqhubeka benesibindi sokushumayela iindaba ezilungileyo, etempileni nakwizindlu ngezindlu.

“Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:29