Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 97

UKorneli Ufumana Umoya Oyingcwele

UKorneli Ufumana Umoya Oyingcwele

EKesareya, kwakukho igosa elikhulu lomkhosi waseRoma elinguKorneli. Nangona wayengengomYuda, ayemhlonela amaYuda. Wayebanceda abantu abahluphekileyo nabadinga uncedo. Wayekholelwa kuYehova ibe ethandaza kuye qho. Ngenye imini, ingelosi yafika kuye yathi: ‘UThixo uyivile imithandazo yakho. Thumela abantu kwidolophu yaseYopa, apho kuhlala uPetros, bayokumcela ukuba eze kuwe.’ Ngokukhawuleza, uKorneli wathumela amadoda amathathu eYopa ekumgama weemayile eziyi-30 ukuya emzantsi.

Ngelo xesha, eYopa uPetros waba nombono. Wabona izilwanyana awayengavumelekanga ukuba azitye amaYuda, ibe weva ilizwi lisithi makatye. Akazange avume, wathi: ‘Zange ndazitya izilwanyana ezingacocekanga oko ndazalwa.’ Ilizwi lathi: ‘Sukuthi ezi zilwanyana azicocekanga. UThixo uzenze zacoceka.’ Laphinda lathi: ‘Kukho amadoda amathathu asemnyango. Hamba nawo.’ UPetros waya emnyango waza wawabuza ukuba azokuthini. Aphendula athi: ‘Sithunywe nguKorneli, igosa lomkhosi waseRoma. Uthi yiya endlwini yakhe eKesareya.’ Wabacela ukuba balale kwakhe. Kusuku olulandelayo, wahamba nabo baya eKesareya, bekunye nabanye abazalwana baseYopa.

Xa efika uPetros, uKorneli waguqa ngamadolo. UPetros wathi: ‘Phakama! Ndingumntu nje ofana nawe. Nangona amaYuda engangeni kwizindlu zabeentlanga, uThixo uthi mandize apha. Khawutsho, kutheni ufuna ndize kwakho?’

UKorneli wathi: ‘Kwiintsuku ezine ezidlulileyo bendithandaza kuThixo, kwaza kwafika ingelosi yathi mandikubize. Nceda usifundise ilizwi likaYehova.’ UPetros wathi: ‘Ndifundile ukuba uThixo akakhethi buso. Wamkela nabani na ofuna ukumkhonza.’ UPetros wabafundisa izinto ezininzi ngoYesu. Emva koko, umoya oyingcwele wafika kuKorneli nabo babekunye naye, ibe bonke babhaptizwa.

“Kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:35