Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 98

Iintlanga Ezininzi Ziba NgamaKristu

Iintlanga Ezininzi Ziba NgamaKristu

Abapostile bathobela umyalelo kaYesu wokuba bashumayele emhlabeni wonke. Ngonyaka ka-47, abazalwana bakwa-Antiyokwe bathumela uPawulos noBharnabhas ukuba baye kushumayela. Aba bazalwana babini bakhutheleyo bashumayela kulo lonke elaseAsia Minor, eDerbhe, eListra naseIkoniyo.

UPawulos noBharnabhas bashumayela kumntu wonke kungakhathaliseki ukuba lihlwempu okanye sisinhanha, noba ngumntwana okanye mdala. Baninzi abantu abayamkelayo inyaniso ngoKristu. Xa uPawulos noBharnabhas babeshumayela kumlawuli waseSipro, uSergiyo Pawulos, kwafika umntu okhafulayo waza wazama ukubanqanda. UPawulos wathi kuye: ‘UYehova akakufuni.’ Ngoko nangoko, lo mkhafuli waba yimfama. Akubona loo nto, uMlawuli uSergiyo waba likholwa.

UPawulos noBharnabhas babeshumayela naphi na, kwindlu ngendlu, kwiindawo zokuthenga, ezitratweni nakwizindlu zesikhungu. Xa baphilisa indoda esisiqhwala eListra, abo bawubonayo lo mmangaliso bacinga ukuba bangoothixo bazama ukubanqula. UPawulos noBharnabhas babanqanda bathi: ‘Nqulani uThixo kuphela! Thina singabantu nje.’ Kwafika amaYuda athile aza abangela ukuba isihlwele sijikele uPawulos. Samgibisela ngamatye saza samrhuqela ngaphandle kwedolophu, samshiya sicinga ukuba ufile. Kodwa ke, uPawulos wayesaphila! Kwakhawuleza kwafika abazalwana beze kumnceda baza bambuyisela edolophini. Emva kwethuba, uPawulos wabuyela kwa-Antiyokwe.

Ngonyaka ka-49, uPawulos waya kushumayela kwezinye iindawo. Xa wayevel’ okubona abazalwana bakhe eAsia Minor, waqhubeka eshumayela de waya kufika eYurophu. Waya eAthene, e-Efese, eFilipi, eTesalonika nakwezinye iindawo. USilas, uLuka, kunye nomfana onguTimoti bahamba naye. Basebenza kunye bemisela amabandla yaye bewaqinisa. UPawulos wahlala eKorinte unyaka oneenyanga ezintandathu esomeleza abazalwana. Wayeshumayela, efundisa, ebhalela namabandla amaninzi iileta. Wayesenza neentente. Ekuhambeni kwexesha, wabuyela kwa-Antiyokwe.

Ngonyaka ka-52, uPawulos waya kushumayela eAsia Minor, wade waya kutsho eFilipi waza wadlulela naseKorinte. Wachitha iminyaka emininzi e-Efese, eshumayela, ephilisa, enceda namabandla. Wayenikela iintetho yonke imihla kwiholo yesikolo. Abantu abaninzi babemmamela baze batshintshe ubomi babo. Emva kokuba eshumayele kwiindawo ezininzi, uPawulos wagqibela ngokuya eYerusalem.

“Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.”—Mateyu 28:19