Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 99

Umgcini-ntolongo Ufunda Inyaniso

Umgcini-ntolongo Ufunda Inyaniso

EFilipi, kwakukho isicakakazi esasinedemon. Le demon yayisenza le ntombazana ixele izinto eziza kwenzeka. Ngaloo nto yayisenzela iinkosi zayo imali eninzi. Ukufika kukaPawulos noSilas eFilipi, zaqengqeleka iintsuku ibalandela. Idemon yenza le ntombi yakhwaza isithi: “Aba bantu bangamakhoboka oThixo ongOyena Uphakamileyo.” UPawulos wathi kule demon: ‘Egameni likaYesu, phuma kuye!’ Yaphuma.

Iinkosi zale ntombazana zathi zakubona ukuba ayisakwazi ukuxela izinto eziza kwenzeka, ngoko akusangeni mali, zanomsindo kakhulu. Zarhuqela uPawulos noSilas koomantyi basekuhlaleni zisithi: ‘La madoda ophula umthetho kwaye loo nto iyabakhathaza abantu bale dolophu!’ Oomantyi bayalela ukuba uPawulos noSilas babethwe baze bavalelwe entolongweni. Umgcini-ntolongo wabaphosa kwesona sisele simnyama waza wabafaka ezitokisini.

Amanye amabanjwa ayemamele uPawulos noSilas becula iingoma zokudumisa uYehova. Kungalindelwanga, ezinzulwini zobusuku kwabakho inyikima enkulu eyanyikimisa intolongo yonke. Iingcango zayo zavuleka, kwakhululeka amatsheyina nezitokisi. Umgcini-ntolongo wakhawuleza waya eziseleni, wafika iingcango zivuliwe. Eqinisekile ukuba onke amabanjwa abalekile, wathatha ikrele eza ukuzibulala.

Kanye ngelo xesha, uPawulos wakhwaza esithi: ‘Ungazenzakalisi. Sonke silapha!’ Umgcini-ntolongo wangena esiseleni, wawa phambi koPawulos noSilas. Wababuza: “Ndimele ndenze ntoni na ukuze ndisindiswe?” Bathi: ‘Wena nentsapho yakho, kholwani kuYesu.’ UPawulos noSilas bafundisa yena nentsapho yakhe ilizwi likaYehova, baza babhaptizwa.

“Abantu baya kunibeka izandla baze banitshutshise, beninikela kwizindlu zesikhungu nasezintolongweni, nirholelwa phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. Kuya kuphumela ekunikeleni kwenu ubungqina.”—Luka 21:12, 13