Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 101

UPawulos Uthunyelwa ERoma

UPawulos Uthunyelwa ERoma

Uhambo lukaPawulos lwesithathu lokushumayela lwaphela eYerusalem. Apho wabanjwa waza wavalelwa entolongweni. Ebusuku wabona uYesu embonweni esithi: ‘Uza kuyokushumayela eRoma.’ UPawulos wathathwa eYerusalem wasiwa eKesareya, apho wahlala iminyaka emibini entolongweni. Xa wayemi phambi koMlawuli uFesto, uPawulos wathi: ‘Ndifuna ukugwetywa nguKesare, eRoma.’ UFesto wathi: “Ubhenele kuKesare, uya kuya kuKesare.” UPawulos wakhweliswa kwinqanawa eya eRoma, wahamba namanye amaKristu amabini, uLuka noAristarko.

Elwandle, kwabakho isaqhwithi esikhulu esenzeka iintsuku ezininzi. Bonke babecinga ukuba baza kufa. Kodwa uPawulos wathi: ‘Madoda, ingelosi ithe kum ephupheni: “Musa ukoyika Pawulos. Uza kufika eRoma, nabo bonke abasenqanaweni baza kufika besakhuselekile.” Yibani nesibindi! Asizukufa.’

Isaqhwithi saphela emva kweentsuku eziyi-14 batsho babona umhlaba. Yayisisiqithi saseMalta eso. Inqanawa yangqubeka yaza yophuka, abantu ababekhwele ababeyi-276 basinda bonke. Abanye baqubha, abanye bakhwela kumaplanga enqanawa baphuma emanzini. Bancedwa ngabantu baseMalta, bababasela nomlilo.

Emva kweenyanga ezintathu, amajoni amkhwelisa kwenye inqanawa uPawulos amsa eRoma. Ukufika kwakhe, abazalwana beza kumbona. Wathi akubabona, wambulela uYehova waza womelela. Nangona wayelibanjwa, wavunyelwa ukuba aziqashele indlu, kodwa kuloo ndlu wayegadwa ngamajoni. Wahlala apho iminyaka emibini. Wayeshumayela ngoBukumkani bukaThixo kubantu abaze kumbona aze abafundise ngoYesu. Wabhalela namabandla aseAsia Minor nakwaYuda iileta. UYehova wamsebenzisa kakhulu uPawulos ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwiintlanga.

“Ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, ngeembandezelo, ngokuswela, ngeenzima.”—2 Korinte 6:4