Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Bazalwana Bethu Esibathandayo:

Njengabakhonzi bakaYehova, siyalithanda iLizwi lakhe, iBhayibhile. Siqinisekile ukuba lineyona mbali ichanileyo, ukhokelo esinokuluthemba kubomi bethu, nobungqina obuvuyisayo bendlela uYehova abathanda ngayo abantu. (INdumiso 119:105; Luka 1:3; 1 Yohane 4:19) Sikufuna kakhulu ukunceda abantu bafunde ngenyaniso yeLizwi likaThixo. Ngenxa yoko, sivuyela ukukhulula le ncwadi ithi, Indifundisa Ntoni IBhayibhile? Makhe sikuchazele okungakumbi ngale ncwadi.

Xa bekubhalwa le ncwadi, bekucingwa ngabantwana. Sekunjalo, inokunceda nabantu abadala abafuna ukufunda iBhayibhile. Ekubeni iBhayibhile iyincwadi yabantu bonke, asiyithandabuzi into yokuba izifundo ezikule ncwadi ziza kusinceda sivuye.

Isebenzisa iBhayibhile, ithetha ngembali yabantu ukususela ekudalweni kwabo. Kuyo, iingxelo eziseBhayibhileni zibhalwe ngokulandelelana kwazo, ibe sizame ngandlela zonke ukuzibhala ngendlela ecace ngakumbi nekulula ukuyiqonda.

Ayithethi nje kuphela ngengxelo eseBhayibhileni. Amabali nemifanekiso ekuyo, zonke zenziwe ngendlela yokuba ibe ngathi zenzeka phambi kwamehlo akho nokuze ube ngathi uyayibona indlela ababevakalelwa ngayo abantu ekuthethwa ngabo.

Kwakhona, isinceda sibone indlela iBhayibhile ethetha ngayo ngabantu—abamthobelayo uYehova nabangazange bamthobele. Isinceda sifunde kwimizekelo yabo. (Roma 15:4; 1 Korinte 10:6) Inamacandelo ayi-14. Ekuqaleni kwecandelo ngalinye kushwankathelwa ezinye zezinto esinokuzifunda.

Ukuba ungumzali, usenokufunda isifundo sibe sinye nomntwana wakho nize nincokole ngendlela esidibana ngayo nemifanekiso. Emva koko, nifunde iivesi zeBhayibhile esifumaneka kuzo eso sifundo. Mncede umntwana wakho adibanise oko kuthethwa yiBhayibhile neso sifundo sisencwadini. Usenokwenza okufanayo naxa unceda umntu omdala aqonde eyona nto uthetha ngayo umyalezo oseBhayibhileni.

Sinethemba lokuba le ncwadi iza kunceda bonke abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo, abancinane nabadala, bafunde kwiLizwi likaThixo baze basebenzise izinto abazifundayo kubomi babo. Le nto iza kubanceda nabo babe ngabanye bentsapho enqula uThixo nayithandayo.

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova