Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 1

Intshayelelo Yecandelo 1

Ekuqaleni iBhayibhile ithetha ngendalo, isenza sibone izinto ezintle uYehova azenzileyo, ezulwini nasemhlabeni. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho abone ubuhle bendalo eyahlukahlukeneyo. Menze abone ukuba abantu badalwe banengqondo kunezilwanyana, bona bayakwazi ukuthetha, ukuqiqa, ukwenza izinto, ukucula nokuthandaza. Menze awaxabise amandla nobulumko bukaYehova, ingakumbi indlela ayithanda ngayo indalo yakhe kunye nabantu.

KWELI CANDELO

UThixo Wadala Izulu Nomhlaba

IBhayibhile ithi uThixo wadala izulu nomhlaba. Uyazi ukuba yiyiphi ingelosi awayidala ngaphambi kokuba adale zonke ezinye izinto?

UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala

UThixo wadala indoda nomfazi wokuqala waza wababeka e-Eden. Wayefuna baqalise intsapho baze benze wonke umhlaba ube yiparadesi.