Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 4

Intshayelelo Yecandelo 4

Eli candelo litshayelela ibali likaYosefu, uYobhi, uMoses namaSirayeli. Bonke banyamezela ubunzima obabusenziwa nguMtyholi. Abanye babo banyamezela ukungenziwa kobulungisa, ukuvalelwa entolongweni, ubukhoboka nokufa. Sekunjalo, uYehova wabakhusela ngeendlela ezahlukeneyo. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho azi indlela abo bakhonzi bakaYehova ababunyamezela ngayo ubunzima kodwa bengaphelelwa lukholo.

UYehova wasebenzisa iZibetho Ezilishumi ukuze abonise ukuba unamandla ngaphezu kwabo bonke oothixo baseYiputa. Balaselisa indlela uYehova awabakhusela ngayo abantu bakhe kwixesha elidlulileyo nendlela abakhusela ngayo ngoku.

KWELI CANDELO

Ikhoboka Elalithobela UThixo

UYosefu wenza into elungileyo, kodwa waviswa ubuhlungu. Kwakutheni?

UYehova Akazange Amlibale UYosefu

Nakuba uYosefu wayekude nentsapho yakokwabo, uThixo wabonisa ukuba wayenaye.

Wayengubani UYobhi?

Wathobela uYehova naxa kwakunzima.

UMoses Wakhetha Ukunqula UYehova

Eselusana, uMoses wasindiswa licebo likanina.

Ityholo Elivuthayo

Kwakutheni ukuze umlilo ungalitshisi liphele ityholo?

Izibetho Ezintathu Zokuqala

UFaro wabazisela intlekele abantu bakhe kuba wayenekratshi lokwenza into nje enye elula.

Izibetho Ezithandathu Ezalandelayo

Ezi zibetho zazahluke ngantoni kwezintathu zokuqala?

Isibetho Seshumi

Esi isibetho satshabalalisa kakhulu kangangokuba uFaro onekratshi wade wanikezela.

Ummangaliso KuLwandle Olubomvu

UFaro wasinda kwizibetho ezilishumi, kodwa ngaba wasinda kulo mmangaliso kaThixo?