Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 5

Intshayelelo Yecandelo 5

Kwiinyanga ezimbini emva kokuwela uLwandle Olubomvu, amaSirayeli aya kwiNtaba YeSinayi. Apho, uYehova wenza isivumelwano nawo sokuba aza kuba luhlanga lwakhe. Wawakhusela waza wawanika yonke into awayeyidinga, imana ukuze atye, iimpahla ezazingagugi nendawo ekhuselekileyo yokumisa inkampu. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho azi ukuba kwakutheni ukuze uYehova anike amaSirayeli uMthetho, umnquba nobubingeleli. Bethelela ukubaluleka kokuba siyenze into esiyithethileyo, sihlale sithobekile yaye sinyanisekile kuYehova.

KWELI CANDELO

Bathembisa UYehova

AmaSirayeli athembisa uThixo xa ayemise iintente ngakwiNtaba YeSinayi.

Basaphula Isithembiso

Ngoxa uMoses wayenikwa iMithetho Elishumi, abantu babesenza isono.

Umnquba Abaza Kunqula Kuwo

Le ntente ikhethekileyo yayinetyeya yomnqophiso.

Iintlola Eziyi-12

UYoshuwa noKalebhi babohlukile kumadoda alishumi awayeyokuhlola iKanan.

Bamvukela UYehova

UKora, UDatan, uAbhiram nabanye abayi-250 abazange bayiqonde eyona nto kwakufuneka bayazi ngoYehova.

Idonki KaBhileham Iyathetha

Idonki ibona umntu ongabonwayo nguBhileham.