Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 6

Intshayelelo Yecandelo 6

Xa amaSirayeli afikayo kwiLizwe Lesithembiso, umnquba waba yindawo yonqulo lwenyaniso. Ababingeleli babefundisa uMthetho, bona abagwebi bekhokela uhlanga. Eli candelo libonisa indlela isigqibo somntu nezenzo zakhe ezinokubaphembelela ngayo abanye. UmSirayeli ngamnye wayenembopheleleko anayo kuYehova nakwamanye amaSirayeli. Gxininisa indlela uDebhora, uNahomi, uYoshuwa, uHana, intombi KaYifeta noSamuweli abawaphembelela ngayo amanye amaSirayeli. Bethelela nokuba abantu ababengengomaSirayeli, uRahabhi, uRute, uYaheli namaGibheyon bagqiba ekubeni babe kwicala lamaSirayeli kuba babesazi ukuba uThixo unawo.

KWELI CANDELO

UYehova Wakhetha UYoshuwa

UThixo wanika uYoshuwa imiyalelo enokusinceda nanamhlanje.

URahabhi Wafihla Iintlola

Iindonga zaseYeriko ziyadilika. Yona indlu kaRahabhi ayidiliki, nangona yayingaphakathi kwezo ndonga.

UYoshuwa NamaGibheyon

UYoshuwa uthandaza kuThixo ukuba: “Ilanga, lime ngxi!” Ngaba uThixo wamphendula?

Inkokeli Entsha Namabhinqa Amabini Anesibindi

Emva kokuba uYoshuwa efile, amaSirayeli anqula izithixo. Ubomi baba nzima, kodwa uncedo lweza ngoMgwebi uBharaki, uDebhora umprofetikazi noYaheli nentente yakhe!

URute NoNahomi

Amabhinqa amabini awafelwa ngabayeni abuyela kwaSirayeli. Omnye wawo, uRute, waya kusebenza emasimini, apho wabonwa nguBhohazi.

UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan

Emva kokuba amaMidiyan ewaphethe kabuhlungu amaSirayeli, abantu bacela uYehova ukuba abancede. Umkhosi wamadoda ambalwa kaGidiyon wawoyisa njani amajoni ayi-135 000?

UHana Uthandazela Ukuba Nonyana

UElikana uhamba noHana, uPenina nabantwana bayonqula kumnquba oseShilo. Apho uHana uthandazela ukuba nonyana. Emva konyaka, uzala uSamuweli!

Isithembiso SikaYifeta

Wathembisa ntoni uYifeta, yaye ngoba? Yathini intombi kaYifeta yakuva ngesithembiso sikayise?

UYehova Uthetha NoSamuweli

Oonyana ababini bombingeleli Omkhulu uEli babengababingeleli emnqubeni, kodwa abazange bamthobele uThixo. USamuweli omncinci wayengafani nabo. UYehova wathetha naye.

UYehova Wamnika Amandla USamson

UThixo wamnika amandla uSamson ukuze alwe namaFilisti, kodwa xa wenza isigqibo esingafanelekanga, amaFilisti amoyisa.