Intshayelelo Yecandelo 7
Eli candelo lithetha ngobomi beminyaka emalunga neyi-80 bukaKumkani uSawule nobukaKumkani uDavide. Ekuqaleni, uSawule wayethobekile futhi emoyika uThixo, kodwa watshintsha, akalulandela ulwalathiso lukaYehova. UYehova wamshiya, waza ekuhambeni kwexesha wayalela uSamuweli ukuba athambise uDavide, abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli. USawule owayenomona wazama amaxesha amaninzi ukubulala uDavide, kodwa yena uDavide zange aphindezele. Unyana kaSawule, uYonatan wayesazi ukuba uDavide ukhethwe nguYehova, ngoko wanyaniseka kuDavide. UDavide wenza izono ezinzulu, kodwa wasithobela isohlwayo sikaYehova. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho abone ukubaluleka kokusoloko exhasa amalungiselelo kaThixo.
KWELI CANDELO
Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli
UThixo wanika amaSirayeli abagwebi ukuze bawakhokele, kodwa acela ukuba nokumkani. USamuweli wakhetha uSawule ukuba abe ngukumkani wokuqala, kodwa ekuhambeni kwexesha uYehova akazange amfune uSawule. Kwakutheni?
UDavide NoGoliyati
UYehova ukhetha uDavide ukuba abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli, uDavide ubonisa isizathu sokuba kukhethwe yena.
UDavide NoSawule
Kutheni enye yala madoda iyithiyile enye, ibe le ithiyiweyo ithini ngaloo nto?
UYonatan Onesibindi Nongumhlobo Wokwenene
Unyana kakumkani uba yitshomi kaDavide.
Isono SikaKumkani UDavide
Isigqibo esingalunganga sibangela ingxaki enkulu.