Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 8

Intshayelelo Yecandelo 8

UYehova wamsikelela ngokumnika ubulumko nelungelo lokwakha itempile uSolomon, kodwa kancinane kancinane wamshiya uYehova. Ukuba ungumzali, cacisela umntwana wakho indlela unqulo lobuxoki olwamenza wamshiya ngayo uThixo. Ubukumkani bohlukana yaye ookumkani ababi balukhokelela kuwexuko nakunqulo zithixo uhlanga. Kanye ngelo xesha, abaprofeti bakaYehova abaninzi batshutshiswa baza babulawa. Ukumkanikazi uIzebhele watsalela ubukumkani basemntla kuwexuko olukhulu. Yayilixesha lobumnyama kwimbali yamaSirayeli. Sekunjalo, kwakusekho abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo, abanjengoKumkani uYehoshafati nomprofeti uEliya.

KWELI CANDELO

Itempile KaYehova

UThixo uyasamkela isicelo sikaKumkani uSolomon aze amnike amalungelo amaninzi.

Ubukumkani Bahlulelene

AmaSirayeli amaninzi ayeka ukukhonza uYehova.

Yintoni Eyenzeka KwiNtaba YeKarmele

Ngubani uThixo oyinyaniso? NguYehova okanye nguBhahali?

UYehova Womeleza UEliya

Ucinga ukuba nawe angakomeleza?

Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni

Imimangaliso emibini kumzi omnye!

Ukumkanikazi Ombi Uyohlwaywa

UIzebhele wenza iyelenqe lokubulala umSirayeli onguNabhoti ukuze abe igadi yakhe! Ububi nokungabi nabulungisa kwakhe babonwa nguYehova uThixo.

UYehova Ukhusela UYehoshafati

UKumkani uYehoshafati olungileyo uthandaza kuThixo xa uYuda etyityimbiselwa umnwe ziintshaba.