Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 9

Intshayelelo Yecandelo 9

Eli candelo lisifundisa ngabantu abasebatsha, abaprofeti nookumkani abaye banokholo kuYehova. ESiriya, intombazanana yomSirayeli yayinokholo lokuba umprofeti kaYehova wayeza kumphilisa uNahaman. Umprofeti uElisha wayeqinisekile ukuba uYehova uza kumkhusela kumkhosi owawufuna ukumbulala. UMbingeleli Omkhulu uYehoyada wabeka ubomi bakhe engozini ukuze akhusele uYehowashe omncinci kumakhulu wakhe owayekhohlakele, uAtaliya. UKumkani uHezekiya wayemthembile uYehova ukuba uza kuyikhusela iYerusalem, akazange oyikiswe yiAsiriya. UKumkani uYosiya wakuphelisa ukunqulwa kwezithixo kwilizwe lakhe, walungisa itempile, waza wabuyisela uhlanga kunqulo lwenyaniso.

KWELI CANDELO

Ijoni Nentombazana Encinane

Intombazanana engumSirayeli ixelela inkosazana ngamandla kaYehova​—⁠imiphumo iyamangalisa.

Umkhosi KaYehova Womlilo

Indlela isicaka sikaElisha esabona ngayo ukuba ‘baninzi abakunye nabo kunabakunye namaSiriya.’

UYehoyada Waba Nesibindi

Umbingeleli othembekileyo uba nesibindi nxamnye nokumkanikazi ombi.

UYehova Waba Nomonde KuYona

Umprofeti kaThixo waginywa njani yintlanzi enkulu? Waphuma njani kuyo? UYehova wamfundisa siphi isifundo?

Ingelosi KaYehova Ikhusela UHezekiya

Iintshaba zamaYuda zithi uYehova akasoze abakhusele abantu bakhe, ziyaxoka!

UYosiya Wayewuthanda UMthetho KaThixo

UYosiya waba ngukumkani eneminyaka esibhozo, wanceda abantu banqula uYehova.