Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 10

Intshayelelo Yecandelo 10

UYehova nguKumkani wookumkani. Yonke into ibisoloko isezandleni zakhe, ibe kuya kuba njalo ngonaphakade. Ngokomzekelo, wamsindisa uYeremiya eza kufela emngxunyeni. Wasindisa uShadraki, uMeshaki noAbhednego kwiziko lomlilo, wasindisa noDaniyeli emilonyeni yeengonyama. UYehova wamkhusela uEstere ukuze asindise lonke uhlanga lwakhe. Akasoze ayeke izinto ezimbi zenzeke ngonaphakade. Iziprofeto zomfanekiso omkhulu nomthi omkhulu zisenza siqiniseke ukuba kungekudala uBukumkani bukaYehova buza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezenzekayo kuze kulawule bona apha emhlabeni.

KWELI CANDELO

UYehova Uthuma UYeremiya

Into eyathethwa ngulo mprofeti usemncinci yazicaphukisa izikhulu zakwaYuda.

IYerusalem Iyatshatyalaliswa

Abantu bakwaYuda abayeki ukunqula oothixo bobuxoki, ngenxa yoko uYehova uyabashiya.

Amakhwenkwe Amane Awathobela UYehova

AmaYuda asemancinci azimisele ukuhlala enyanisekile kuYehova, nkqu nasemzini kakumkani eBhabhiloni.

Ubukumkani Obuza Kulawula Ngonaphakade

UDaniyeli ucacisa into ethethwa liphupha elingaqhelekanga likaNebhukadenetsare.

Abazange Baqubude

UShadraki, uMeshaki noAbhednego abazange bavume ukunqula umfanekiso wegolide kakumkani waseBhabhiloni.

Ubukumkani Obunjengomthi Omkhulu

Iphupha likaNebhukadenetsare lichaza into eza kwenzeka kuye.

Umbhalo Osedongeni

Ubonakala nini umbhalo ongaqondakaliyo yaye uthetha ukuthini?

UDaniyeli Emngxunyeni Oneengonyama

NjengoDaniyeli, thandaza kuYehova yonke imihla!

UEstere Usindisa Abantu Bakowabo

Nangona wayengowasemzini ibe engenabazali, waba ngukumkanikazi.

UEzra Wafundisa UMthetho KaThixo

Emva kokuba amaSirayeli emamele uEzra, enza isithembiso esikhethekileyo kuThixo.

Iindonga ZaseYerusalem

UNehemiya wafumanisa ukuba iintshaba zakhe zaziceba ukubahlasela. Kwakutheni ukuze angoyiki?