Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 11

Intshayelelo Yecandelo 11

Eli candelo litshayelela iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. UYesu wazalelwa kwintsapho ephantsi eyayihlala kwidolophu encinci. Wayesebenza noyise owayengumchweli. UYesu wayeza kusindisa abantu. Wayekhethwe nguYehova ukuba abe nguKumkani woBukumkani basezulwini. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho aqonde ukuba uYehova wayikhetha kakuhle intsapho nendawo uYesu awayeza kukhulela kuyo. Funda ngendlela uYehova awamkhusela ngayo uYesu xa wayeza kubulawa nguHerode nokuba akukho nto enokumenza angayenzi into afuna ukuyenza. Funda nangokuthunywa kukaYohane nguYehova ukuze alungiselele ukufika kukaYesu. Bethelela indlela uYesu awabonisa ngayo esengumntwana ukuba uyabuthanda ubulumko bukaYehova.

KWELI CANDELO

UElizabhete Unomntwana

Kwakutheni ukuze umyeni kaElizabhete axelelwe ukuba akazukwazi ukuthetha de kuzalwe umntwana?

UGabriyeli Uye Kubona UMariya

Wamxelela into eyatshintsha ubomi bakhe.

Iingelosi Zichaza Ukuzalwa KukaYesu

Abelusi abeva ezi ndaba zange balibazise.

UYehova Wamkhusela UYesu

Ukumkani ongcolileyo wayefuna ukubulala uYesu.

UYesu Esemncinci

Wabothusa njani abefundisi etempileni?

UYohane Ulungisa Indlela

Ekukhuleni kwakhe uYohane uba ngumprofeti. Ufundisa ukuba uMesiya uyeza. Abantu benza ntoni xa besiva umyalezo abaphathele wona?