Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 12

Intshayelelo Yecandelo 12

UYesu wafundisa abantu ngoBukumkani basezulwini. Wabafundisa nokuba bathandazele ukungcwaliswa kwegama likaThixo, ukufika koBukumkani bakhe nokwenziwa kokuthanda kwakhe emhlabeni. Ukuba ungumzali, cacisela umntwana wakho ukuba uthetha ntoni kuthi lo mthandazo. UYesu akazange avume uSathana amyekise ukukhonza uThixo. Wakhetha abapostile bakhe yaye baba ngamalungu okuqala oBukumkani. Bonisa indlela uYesu awayekuthanda ngayo ukukhonza uThixo oyinyaniso. Wayefuna ukunceda abantu, ngoko waphilisa abagulayo, wanika abalambileyo ukutya waza wavusa nabafileyo. Xa wayesenza le mimangaliso, wayebonisa izinto abantu abaza kuzenzelwa buBukumkani.

KWELI CANDELO

UYesu Uba NguMesiya

Uthetha ukuthini uYohane xa esithi uYesu yiMvana kaThixo?

UMtyholi Ulinga UYesu

Umtyholi ulinga uYesu kathathu. Zeziphi ezi zilingo zintathu? Wathini uYesu?

UYesu Ucoca Itempile

Kutheni uYesu ekhupha izilwanyana ngaphandle kwetempile aze abhukuqe iitafile zabathengisi?

Ibhinqa Equleni

Ibhinqa elingumSamariya lamangaliswa kukuba uYesu ethetha nalo. Kwakutheni? UYesu walixelela into awayengekayithethi nakomnye umntu, yayiyintoni leyo?

UYesu Ushumayela NgoBukumkani

UYesu umema abanye abafundi bakhe ukuba babe ‘ngabalobi babantu.’ Kamva, uqeqesha abalandeli bakhe abayi-70 ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo.

UYesu Wenza Imimangaliso Emininzi

Naphi na apho aya khona, abantu abagulayo beza kuye ukuze abaphilise, ibe uyabaphilisa. Ude avuse nentombazana encinci ekufeni.

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

Wayebakhethela ntoni? Uyawakhumbula amagama abo?

INtshumayelo Yasentabeni

UYesu ufundisa abantu izifundo ezibalulekileyo.

UYesu Ufundisa Abafundi Bakhe Indlela Yokuthandaza

Zizinto ezinjani uYesu awathi abafundi bakhe mabaqhubeke bezithandazela?

UYesu Utyisa Abantu Abaninzi

Lo mmangaliso usibonisa ntoni ngoYesu noYehova?

UYesu Uhamba Phezu Kwamanzi

Inoba bavakalelwa njani abapostile xa bebona lo mmangaliso?

UYesu Uphilisa NgeSabatha

Kutheni ingabonwabisi bonke abantu into ayenzayo?

UYesu Uvusa ULazaro Ekufeni

Xa uYesu wabona uMariya ekhala, naye walila. Kodwa ezo nyembezi zaphela zisiba luvuyo.