Intshayelelo Yecandelo 14
AmaKristu okuqala asasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani nakwezona ndawo zikude zomhlaba. UYesu wawabonisa apho kufuneka ashumayele khona waza ngokungummangaliso wawanceda ashumayela ngeelwimi zabo bantu. UYehova wawenza anesibindi waza wawanika amandla okunyamezela intshutshiso.
UYesu wabonisa umpostile uYohane umbono wozuko lukaYehova. Komnye umbono, uYohane wabona uBukumkani bamazulu busoyisa uSathana yaye buphelisa ulawulo lwakhe ngonaphakade. Wabona uKumkani uYesu elawula nabayi-144 000. Waphinda wabona umhlaba wonke usiba yiparadesi enabantu abakhonza uYehova ngoxolo nomanyano.
KWELI CANDELO
Abafundi Bafumana Umoya Oyingcwele
Umoya oyingcwele wabanika waphi amandla awabothusayo abantu?
Akukho Nto Inokubayekisa
Iinkokeli ezibulalise uYesu ngoku zifuna abafundi bangashumayeli. Kodwa azizukuphumelela.
UYesu Ukhetha USawule
USawule lutshaba olungenalusini lwamaKristu, kodwa sele eza kutshintsha.
UKorneli Ufumana Umoya Oyingcwele
Kutheni uThixo ethumela uPetros kwindlu yendoda engengomYuda?
Iintlanga Ezininzi Ziba NgamaKristu
Umpostile uPawulos nabo wayeshumayela nabo baqalisa lo msebenzi kwiindawo ezikude.
Umgcini-ntolongo Ufunda Inyaniso
Kuthiwani ngedemon, inyikima nekrele kweli bali?
UPawulos NoTimoti
Amadoda amabini asebenza kunye futhi angabahlobo yaye akhonza kunye iminyaka emininzi.
UPawulos Uthunyelwa ERoma
Uhambo lwakhe luneengozi, kodwa akukho zingxaki zinokutyhafisa lo mpostile.
ISityhilelo SikaYohane
UYesu umbonisa imibono emininzi ngekamva.
“Mabufike Ubukumkani Bakho”
ISityhilelo sikaYohane sibonisa indlela uBukumkani bukaThixo obuza kubutshintsha ngayo ubomi emhlabeni.