INGOMA 6
Amazulu Azukisa UThixo
-
1. Amazulu azukisa uThixo.
Isibhakabhaka,
ngumsebenzi wakhe.
Yonk’ imihla sidumis’ uThixo.
Iinkwenkwezi ebusuku,
Zizukisa yena.
-
2. Imithetho kaYehova uThixo,
Isikhokelela
kwindlela yobomi.
Ilungile imigaqo yakhe.
Siyancedakala sonke,
Xa siyilandela.
-
3. Kulungile ukoyika uThixo.
Imithetho yakhe
ibalulekile.
Yithobele uphile kamnandi.
Landel’ umyalelo wakhe,
Ngokunyaniseka.
(Funda nezi: INdu. 111:9; 145:5; ISityhi. 4:11.)