Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 24

Yiza Entabeni KaYehova

Yiza Entabeni KaYehova

(Isaya 2:2-4)

  1. 1. Jonga entabeni,

    Intaba kaYehova.

    Yiya kuyo le ntaba

    Ephakamileyo.

    Abalungileyo

    Babalekela kuyo,

    Bakwabiza nabanye,

    Besithi ‘Yizani.’

    Lixesha lokuba

    Sibalekele kule ntaba.

    Njengoko lusanda,

    Ulwazi lwethu ngoYehova.

    Masimeme bonke,

    Basondele kuThixo.

    Uza kubasindisa

    Abasabelayo.

  2. 2. Shumayela izwi,

    Siyalelwe nguYesu.

    Ngoko yazisa bonke

    Shumayela kubo.

    Ngoku uyalaw’la

    UKristu emhlabeni.

    Abalulamileyo

    Bathobel’ uThixo.

    Bameme ukuba

    Banqule uThixo baphile.

    Ngothando sinceda

    Abantu bazi uYehova.

    Ngoko mas’bhengeze,

    Simeme bonke beze,

    ‘Kuyo yona le ntaba,

    Baze basindiswe.’