Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 26

Nakwenzela Mna

Nakwenzela Mna

(Mateyu 25:34-40)

  1. 1. UYesu unazo ezinye izimvu

    ezikhonza kunye nabathanjiswa.

    Ziza kufumana

    umvuzo omkhulu

    Ngokuxhasa kwazo abathanjiswa.

    (CHORUS)

    “Xa naxhasa bona, nanixhasa mna.

    Xa nanibanceda, naninceda mna.

    Enakwenza kubo nakwenzela mna.

    Nanibanceda, nanindinceda.

    Xa nanceda bona, naninceda mna.”

  2. 2. “Niye nandixhasa xa ndandilambile,

    ekusweleni kwam nanikunye nam.”

    “Siye sakwenza njani na

    oko Nkosi?”

    INkosi iza kuphendula ithi:

    (CHORUS)

    “Xa naxhasa bona, nanixhasa mna.

    Xa nanibanceda, naninceda mna.

    Enakwenza kubo nakwenzela mna.

    Nanibanceda, nanindinceda.

    Xa nanceda bona, naninceda mna.”

  3. 3. “Khange nindishiye, benishumayela,

    nisebenza kunye nabathanjiswa.”

    INkosi iza kuthi

    kwizimvu zayo:

    “Wudleni ilifa umhlaba omtsha.”

    (CHORUS)

    “Xa naxhasa bona, nanixhasa mna.

    Xa nanibanceda, naninceda mna.

    Enakwenza kubo nakwenzela mna.

    Nanibanceda, nanindinceda.

    Xa nanceda bona, naninceda mna.”