INGOMA 28
Masibe Ngabahlobo BakaYehova
-
1. Ngubani Yehova,
Ongumhlobo wakho?
Ngubani okukholisayo,
Nokwazi kakuhle?
Ngogcin’ izwi lakho,
Nonokholo kuwe,
Anyaniseke ngokwenene,
Athembeke kuwe.
-
2. Ngubani Yehova,
Osondela kuwe?
Ngubani na onobuhlobo,
Nokuvuyisayo?
Ngokuthobelayo,
Nothembele ngawe,
Anyaniseke, athembeke,
Ngomlomo nezenzo.
-
3. Ngentliziyo yonke,
Sithembele ngawe.
Sisondela kuwe Yehova,
Sicel’ usamkele,
Ngokholo nothando,
Siyakubongoza.
Siyabuthanda Thixo wethu,
Ubuhlobo nawe.
(Funda nezi: INdu. 139:1; 1 Pet. 5:6, 7.)