INGOMA 44
Umthandazo Womntu Othobekileyo
-
1. Khawuncede Thixo
“Uwuve umthandazo wam.”
Ndibuhlungu kakhulu
nomthwalo wam unzima.
Ndiphelelwe lithemba
yaye andinamandla.
Ndiyakucela
nceda undenze ndomelele.
(CHORUS)
Nkosi yethu, khawuncede
Uqinise ithemba lam.
Ndithembele ngawe Thixo.
Ndomeleze Thixo wethu.
-
2. Andikwaz’ ukuchaza
okusentliziyweni,
Kodwa iLizwi lakho
liyandithuthuzela.
Ndincede Thixo
ndithembele ngeLizwi lakho.
Ndithembele
nangothando lwakho olukhulu.
(CHORUS)
Nkosi yethu, khawuncede
Uqinise ithemba lam.
Ndithembele ngawe Thixo.
Ndomeleze Thixo wethu.
(Funda nezi: INdu. 42:6; 119:28; Roma 8:26; 2 Kor. 4:16; 1 Yoh. 3:20.)