Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 59

Dumisa UYa Kunye Nam

Dumisa UYa Kunye Nam

(INdumiso 146:2)

  1. 1. Dumis’ uYa,

    Umzukise!

    Nguye uMdali wabantu bonke.

    Yonk’ imihla

    Nobusuku

    Siyamzukisa ngothando lwakhe.

    Sidumisa igama likaYa.

  2. 2. Dumis’ uYa,

    Uthandaze!

    Uyakwenza esikucelayo.

    Womeleza

    Abakhonzi

    Ababuthathaka emzimbeni.

    Masimdumise uThixo wethu.

  3. 3. Dumis’ uYa,

    Umbulele!

    Ngothando uyasithuthuzela.

    Wophelisa

    Zonk’ iintlungu

    Ngolaw’lo lwakhe loBukumkani.

    Ngoko masimdumise sivuya.