Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 63

SingamaNgqina KaYehova!

SingamaNgqina KaYehova!

(Isaya 43:10-12)

  1. 1. Umntu wenz’ izithixo,

    Engamazi uThixo.

    Yena nguSomandla

    UMdali wethu.

    Kodwa zon’ izithixo,

    Azikwazi kudala.

    Azithethi kway’ aziboni,

    Azinawo namangqina.

    (CHORUS)

    Thina singamaNgqina

    KaYehova uThixo.

    Zonke iziprofeto zakhe

    Ziza kuzaliseka.

  2. 2. Thina sishumayela

    Ngegama likaThixo.

    Sikwashumayela

    NgoBukumkani.

    Sikwamema nabanye,

    Bafunde inyaniso.

    Emva koko nabo banako

    Ukudumisa uThixo.

    (CHORUS)

    Thina singamaNgqina

    KaYehova uThixo.

    Zonke iziprofeto zakhe

    Ziza kuzaliseka.

  3. 3. Singqinela uThixo.

    Kwaye siyamdumisa.

    Siyalingcwalisa

    Igama lakhe.

    SingamaNgqina akhe,

    Yaye uyasithanda.

    Ngoko sohlala simngqinela

    De kube ngonaphakade.

    (CHORUS)

    Thina singamaNgqina

    KaYehova uThixo.

    Zonke iziprofeto zakhe

    Ziza kuzaliseka.