INGOMA 66
Shumayela Iindaba Ezilungileyo
-
1. Inyaniso ngoBukumkani neMbewu
Yayikade ifihliwe ebantwini.
UYehova ngenceba yakhe nothando,
Wabavela abantu abanesono.
Wamisela uNyana njengomlawuli
WoBukumkani bakhe
basemazulwini.
Walungiselel’ uNyana umtshakazi,
Umhlambi omncinane okhethiweyo.
-
2. UYehova ufuna ukuba sonke
Sazise bonke abantu ngezi ndaba.
Iingelosi zakhe zisebenza nathi,
Ziyasinceda ekushumayeleni.
Sinelungelo elikhethekileyo
Lokungcwalisa igama
likaYehova.
Sizimisele ukuzishumayela
Ngenkuthalo iindab’ ezilungileyo.
(Funda nezi: Marko 4:11; IZe. 5:31; 1 Kor. 2:1, 7.)