Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 70

Funani Abafanelekayo

Funani Abafanelekayo

(Mateyu 10:11-15)

  1. 1. UYesu usiyalele ukuba,

    Sibafundise abantu:

    ‘Naphi kwindawo eningena kuyo

    Funani abanjengezimvu.

    Bonke abantu abanamkelayo

    Mababe noxolo lwengqondo.

    Kanti ukuba abanamkelanga

    Ze nivuthulule iinyawo.’

  2. 2. Bonke abantu abanamkelayo

    Baya kusikeleleka.

    UYa wovula iintliziyo zabo

    Ukuze bamkel’ inyaniso.

    Ngoko musani ukuba neentloni,

    Njengoko uThixo enathi.

    Amazwi ethu makabe netyuwa,

    Ukuze amkelwe ngabantu.