Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 75

“Ndikho! Thuma Mna”

“Ndikho! Thuma Mna”

(Isaya 6:8)

  1. 1. Bambi bathetha kakubi

    Ngegama likaYehova.

    Bathi akanaluthando.

    Abanye bathi “Akakho!”

    Nguban’ oza kulicoca

    Igama lakho elihle?

    (CHORUS 1)

    “Ndilapha Nkosi! Thuma mna.

    Ndokudumisa ngokholo.

    Ndithetha ngawe Thixo wethu.

    Ndikho Nkosi! Thuma mna.”

  2. 2. Abantu bayagculela,

    Bahlekisa ngoYehova.

    Abamthobeli uThixo,

    Nemithetho yonke yakhe.

    Nguban’ ozobalumkisa

    Ngayo imfazwe kaThixo?

    (CHORUS 2)

    “Ndilapha Nkosi! Thuma mna.

    Ndolumkisa ngesibindi.

    Ndithetha ngawe Thixo wethu.

    Ndikho Nkosi! Thuma mna.”

  3. 3. Abaninzi babuhlungu,

    Ngenxa yokwanda kobubi.

    Balambele inyaniso

    Ebenza babe nethemba.

    Nguban’ oza kubanceda

    Bafunde ubulungisa?

    (CHORUS 3)

    “Ndilapha Nkosi! Thuma mna.

    Ngomonde ndobafundisa.

    Ndithetha ngawe Thixo wethu.

    Ndikho Nkosi! Thuma mna.”