Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 76

Uziva Njani Na?

Uziva Njani Na?

(Hebhere 13:15)

  1. 1. Uziva njani na

    xa ubashumayeza,

    Uze ngothando uncede

    abo banomdla?

    Hlal’ uzimisele,

    uThixo wokuxhasa.

    Hlala ufuna abo

    bafanelekayo.

    (CHORUS)

    Ngoku Thixo siyavuya

    ngokuzinikela kuwe.

    Sizoqhubeka siwenza

    umsebenzi wakho.

  2. 2. Uziva njani na

    xa udibana nabo

    Abo babuthandayo

    ubomi benene?

    Abant’ abaninzi,

    abafuni nokuva.

    Sekunjalo siyathetha

    ngoThixo wethu.

    (CHORUS)

    Ngoku Thixo siyavuya

    ngokuzinikela kuwe.

    Sizoqhubeka siwenza

    umsebenzi wakho.

  3. 3. Uziva njani na

    ngokuxhaswa nguThixo,

    Nangokukuphathisa

    umsebenzi wakhe?

    Sizele luvuyo,

    ekushumayeleni,

    Sifuna abanomdla

    ngaphambi kwes’phelo.

    (CHORUS)

    Ngoku Thixo siyavuya

    ngokuzinikela kuwe.

    Sizoqhubeka siwenza

    umsebenzi wakho.