Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 78

“Sifundisa ILizwi LikaThixo”

“Sifundisa ILizwi LikaThixo”

(IZenzo 18:11)

  1. 1. Bayavuy’ abafundisa

    Izwi likaThixo.

    Liyabanceda kakhulu

    Abalifundayo.

    Sixelis’ unyana wakhe,

    Xa sifundis’ izwi.

    Njengoko sinced’ abantu

    Basondele kuThixo.

  2. 2. Sifundisa ngomzekelo

    Wethu kubo bonke.

    Thina bafundis’ iLizwi

    likaThixo wethu.

    Siphanda sizimisele

    kuzo iZibhalo.

    Kuba zinokuninzi

    Esinokuthetha ngako.

  3. 3. UYehova usinika

    esikudingayo.

    Ukuze sifundis’ izwi.

    Ngoko masimcele.

    Xa sicela ngomthandazo

    Uyasiphendula.

    Sinceda izifundo zethu

    Zifundise nazo.