Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 87

Yiza! Uhlaziyeke

Yiza! Uhlaziyeke

(Hebhere 10:24, 25)

  1. 1. Ihlabathi alimazi uThixo,

    Alazi neendlela zakhe.

    Ngoko masithembele ngoYehova,

    Ukuze siphumelele.

    Masikhuthalele iintlanganiso,

    Soqina elukholweni.

    Sokhuthazeka enkonzweni yethu,

    Sivelise iziqhamo.

    Ezintlanganisweni sikhunjuzwa

    Ngemithetho kaYehova.

    Sikhuthazwa ukuba sithandane

    Ngokunyanisekileyo.

  2. 2. Ngoku masimamele icebiso

    Elivela kuYehova.

    Oku sikwenza ngokubakho rhoqo

    Kwiintlanganiso zebandla.

    Abadala bebandla bayasakha,

    Ngeentetho namacebiso.

    Sinabazalwana kunye noodade

    Esikhonza kunye nabo.

    Bayasixhasa, bayasomeleza

    Njengoko sikhonza nabo.

    Ngoko sonke masizikhuthalele

    Iintlanganiso zebandla.