INGOMA 96
Incwadi KaThixo—Ixabisekile
-
1. Kukho incwadi ezisa uxolo,
Enik’ ithemba nevuyisayo.
Iimfundiso zayo ziyaphilisa,
Zikhanyisela bonke abantu.
Loo ncwadi ziZibhalo Ezingcwele,
Yabhalwa ngabaphefumlelweyo,
Abantu abathanda uYehova,
Nababeqhutywa ngumoya wakhe.
-
2. Babhala ingxelo echanileyo,
Bechaza ngemvelaphi yendalo.
Bakwabhale ngemfezeko yabantu,
Nendlel’ ison’ esangena ngayo.
Babhala nangengelosi ethile,
Eyamvukelayo uYehova.
Yabangela intlungu kwanesono,
Kodwa uThixo uza koyisa.
-
3. Siphila kumaxesh’ avuyisayo.
UKrist’ iNkosi uyalawula.
Ngoku lixesha lokwazis’ abanye,
Ngazo iindaba zoBukumkani.
IBhayibhil’ inamathemb’ amahle,
Maninzi yaye ayavuyisa.
Isinika uxolo lokwenene,
Ngoko le ncwadi iyathandeka.
(Funda nezi: 2 Tim. 3:16; 2 Pet. 1:21.)