INGOMA 104
Isipho SikaThixo Somoya Oyingcwele
-
1. Thixo Yehova, unobubele,
Uyazazi iingxaki zethu.
Ngoko sicela usomeleze
Ngesipho somoya oyingcwele.
-
2. Thixo siyona yonke imihla,
Maxa wambi siye sigungqe.
Siyacela usisikelele
Ngesipho somoya oyingcwele.
-
3. Xa sityhafile, singenamandla,
Somelezwa ngumoya wakho.
Siphe amandla, usiqinise
Ngesipho somoya oyingcwele.
(Funda nezi: INdu. 51:11; Yoh. 14:26; IZe. 9:31.)