Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 111

Izizathu Zokuvuya Kwethu

Izizathu Zokuvuya Kwethu

(Mateyu 5:12)

  1. 1. Sinentabalala yovuyo,

    Luninzi njengobutyebi.

    Kuyasivuyis’ ukubona

    Abanye bekhonza nathi.

    Uvuyo lwethu olukhulu

    Lusekelw’ eZibhalweni.

    Sizifunda yonke imihla,

    Ziqinis’ ukholo lwethu.

    Uvuyo lwethu luyavutha

    Njengamalahle omlilo.

    Nangona kukho izilingo,

    Sinyamezela sivuya.

    (CHORUS)

    Iyasivuyisa yonke

    Imisebenzi kaThixo.

    Ziphakamile iingcinga zakhe,

    Makhulu amandla akhe!

  2. 2. Sivuyiswa yindalo yakhe,

    Amazulu kwanomhlaba.

    Imangalisa ngokwenene

    Imisebenzi kaThixo.

    Sazisa abantu sivuya

    Ngethemba loBukumkani.

    Sibazisa ngeentsikelelo

    Eziya kuziswa bubo.

    Buya kuzisela abantu

    Uvuyo kwanemihlali.

    Kuya kubakho amazulu

    Kwakunye nomhlaba omtsha.

    (CHORUS)

    Iyasivuyisa yonke

    Imisebenzi kaThixo.

    Ziphakamile iingcinga zakhe,

    Makhulu amandla akhe!