INGOMA 114
‘Masibe Nomonde’
-
1. UYehova uThixo
Ubalasele ngomonde.
Kangangexesh’ elide
Langcolisw’ igama lakhe.
Ngoku uzimisele
Ukulithethelela.
Kodwa ngenxa yomonde,
Uvule ithuba
Lokuba baguquke
Bonk’ abantu basindiswe.
Ngoko masimbulele
Ngomonde wakhe uThixo.
-
2. Masixelis’ uThixo
Njengaye sibe nomonde.
Nokuba siyalingwa
Masihlale sizolile.
Oko kuya kusenza
Sihlale ngomanyano,
Sibe seluxolweni
Nabo bonk’ abantu.
UThix’ uya kuvuya
Xa sibonis’ olu phawu.
Sonke mas’be nomonde
Sikholis’ uThixo wethu.
(Funda nezi: Eks. 34:14; Isa. 40:28; 1 Kor. 13:4, 7; 1 Tim. 2:4.)