INGOMA 121
Sifanele Sizibambe
-
1. Simthanda gqitha uThixo wethu,
Ngoko ke masilwe naso isono.
Kwinto yonke masizibambe.
Uya kuvuya uYehova.
-
2. Yonke imihla siyavavanywa,
UMtyholi uzama ukusiwisa.
Kodwa uYa uyasixhasa.
Ngoko sinako ukoyisa.
-
3. Masiqaphele izenzo zethu,
Ukuze singabi nalo ibala.
Kuko konke esikwenzayo,
Sonke simele sizibambe.
(Funda nezi: 1 Kor. 9:25; Gal. 5:23; 2 Pet. 1:6.)