Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 125

“Bonwabile Abo Banenceba!”

“Bonwabile Abo Banenceba!”

(Mateyu 5:7)

  1. 1. Bonke abo banenceba,

    Bayathandwa nguYehova.

    Ubanika konke oko

    Bakudingayo ngesisa.

    UThixo weth’ unenceba

    Usixolela ngothando.

    Uyazi ukuba thina

    Sinesono siluthuli.

  2. 2. Ngamaxesha obunzima,

    Xa simonile uThixo,

    Sinokuthandaza kuye

    Sicela asixolele.

    Yena uya kusenzela

    Inceba kuba es’thanda.

    Ngoko masithandazele

    Inceba yakhe uThixo.

  3. 3. Masibonise inceba

    Ukuze sisikelelwe.

    Masiphe abasweleyo

    Masibaphathe ngenceba.

    Siya kuvuzwa nguThixo

    Xa sibonisa inceba.

    Bonwabile bonk’ abantu

    Ababonisa inceba.

(Funda nezi: Mat. 6:​2-4, 12-14.)