Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 135

“Yiba Sisilumko, Nyana Wam”

“Yiba Sisilumko, Nyana Wam”

(IMizekeliso 27:11)

  1. 1. Lutsha zinikeleni

    kum ngentliziyo.

    Utshaba lwam

    oluthetha kakubi ngam,

    Luboniseni ukuba

    nithanda mna,

    Yaye nifuna

    ukwenza intando yam.

    (CHORUS)

    Nina lutsha niyathandeka.

    Ningayeki ukukhonza,

    Ngoko yibani zizilumko,

    Nivuyis’ intliziyo yam.

  2. 2. Zinikeleni

    ngovuyo nemihlali.

    Ndiza kuniphakamisa

    xa niwile.

    Ukuba iintshaba zenu

    zilwa nani,

    Qinisekani ukuba

    ndoba nani.

    (CHORUS)

    Nina lutsha niyathandeka.

    Ningayeki ukukhonza,

    Ngoko yibani zizilumko,

    Nivuyis’ intliziyo yam.