Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 141

Ummangaliso Wobomi

Ummangaliso Wobomi

(INdumiso 36:9)

  1. 1. Ubomi bethu, imvula entle,

    Ukuphuma kwelanga nezityalo

    Zonke zivela kuThixo wethu.

    Ungumthombo kwanomxhasi wobom’ bethu.

    (CHORUS)

    Siyasixabisa isipho sethu.

    Isipho esisinikwe nguMdali wethu.

    Esi sipho sakhe siyamangalisa.

    Isipho sobomi. Ndiyasixabisa.

  2. 2. Abany’ abantu abonwabanga,

    Baphelelwe lithemba ebomini.

    Kodwa ke thina asoyiki nto.

    Sinethemba elivela kuYehova.

    (CHORUS)

    Siyasixabisa isipho sethu

    Isipho esisinikwe nguThixo wethu.

    Esi sipho sakhe siyamangalisa.

    Isipho sobomi. Ndiyasixabisa.