Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 144

Hlala Ujonge Emvuzweni!

Hlala Ujonge Emvuzweni!

(2 Korinte 4:18)

  1. 1. Iimfama zophinda zibone,

    Kwanezithulu ziza kuva.

    Abantwana baza kudlala

    Bekhuselekile bonke.

    Kuvuswe kwanezihlobo,

    Ziphile emhlabeni omtsha.

    (CHORUS)

    Ukuze ukubone oko,

    Hlala ujong’ emvuzweni.

  2. 2. Ingcuka kunye netakane,

    Ziza kutya zihlale kunye,

    Umntwana uza kuziqhuba,

    Zimamele izwi lakhe.

    Kuzosulwa kwaneenyembezi,

    Emehlweni abantu bonke.

    (CHORUS)

    Ukuze ukubone oko,

    Hlala ujong’ emvuzweni.